Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 27:8-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje.

9. Kwazaliseka ke okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, esithi, Bawathabatha loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, inani lalowo wamiselwa inani, ábammisela inani aboonyana bakaSirayeli, bawarholela umhlaba wombumbi,

10. njengoko yandiyalelayo iNkosi.

11. Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza irhuluneli isithi, Únguye na uKumkani wamaYuda? Wathi ke uYesu kuyo, Nawe utsho.

12. Ke kaloku ekumangalelweni kwakhe ngababingeleli abakhulu namadoda amakhulu, akaphendulanga nto.

13. Aze athi uPilato kuye, Akuziva na ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqinayo ngawe?

14. Akaphendula zwi, noko lilinye, yada yamangaliswa kakhulu irhuluneli leyo.

15. Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko irhuluneli ibiqhele ukuzikhululela izihlwele umbanjwa abe mnye, lowo babesithi bamfune.

16. Baye ke ngelo xesha benombanjwa obesazeka, ekuthiwa nguBharabhas.

17. Bakubon' ukuba ngoko bahlanganisene, wathi kubo uPilato, Nithanda ukuba ndinikhululele wuphi na, uBharabhas, uYesu ekuthiwa nguKristu,* kusini na?

18. Kuba ebesazi ukuba bamnikele ngomona.

19. Akubon' ukuba uhleli esihlalweni sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi, Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndivé izinto ezininzi ezinzima ephupheni, ngenxa yakhe.

20. Kodwa ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu bazeyisela izihlwele ekuthini zicele uBharabhas, zimtshabalalise uYesu.

21. Yaphendula ke irhuluneli yathi kubo, Nguwuphi na kwaba bobabini enithanda ukuba ndinikhululele yena?

22. Bathe ke bona, NguBharabhas. Athi uPilato kubo, Ndímenzeni na ke uYesu ekuthiwa nguKristu? Bathi kuye bonke, Makabethelelwe emnqamlezweni.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 27