Kwazaliseka ke okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, esithi, Bawathabatha loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, inani lalowo wamiselwa inani, ábammisela inani aboonyana bakaSirayeli, bawarholela umhlaba wombumbi,