Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 27:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuthe ke kwakusa, babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bambulale.

2. Bathi bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli.

3. Waza uYuda, lowo wamngcatshayo, ebone ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wawabuyisela kwakubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, esithi,

4. Ndonile, kuba ndingcatshé igazi elingenatyala. Bathi ke bona, Iyini na kuthi loo nto?

5. Zibonele wena. Wawaphosa phantsi etempileni apho loo maqhosha esilivere, wemka, waya wazixhoma.

6. Ke kaloku ababingeleli abakhulu bawathabatha loo maqhosha esilivere, bathi, Akuvumelekile ukuwagalela emkhombeni weminikelo, ngokokuba elinani legazi.

7. Babhunga ke, bathenga ngawo umhlaba wombumbi, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.

8. Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 27