Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 21:29-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Waphendula ke yena wathi, Andiyi; ke wabuya wazohlwaya, waya.

30. Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; akaya.

31. Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise? Bathi kuye, Ngowokuqala.Athi kubo uYesu, Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi.

32. Ngokuba uYohane weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bákholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye.

33. Yivani omnye umzekeliso. Bekukho umninindlu othile owatyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye.

34. Kuthe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso.

35. Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye.

36. Wabuya wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo.

37. Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 21