Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 13:8-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ezinye ke zawa kuwo wona umhlaba omhle, zanika iziqhamo, olunye lwanika ikhulu, olunye amashumi amathandathu, nolunye amashumi amathathu.

9. Lowo uneendlebe zokuva makeve.

10. Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso?

11. Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga.

12. Kuba osukuba enako, yena uya kuphiwa, aze abe nako ngokugqithiseleyo; kodwa osukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.

13. Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso; ngokuba bebona nje bengaboni, besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda.

14. Sizalisekele kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi,Ukuva niya kuva, ningakhe niqonde;Nithi nibona nje nibone, ningakhe niqiqe;

15. Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba,Beva ngeendlebe ezithe nkqi,Bayawacima namehlo abo;Hleze babone ngamehlo,Beve ngeendlebe,Baqonde ngentliziyo,Bajike,Ndibaphilise.(UIsaya 6:9,10)

funda isahluko epheleleyo Umateyu 13