Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 12:14-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Bathi ke abaFarisi babhunga ngaye bakuphuma, ukuze bamtshabalalise.

15. Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke.

16. Wabakhalimela ukuba bangamtyhili;

17. ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,

18. Yabonani, umkhonzi wam endimnyulileyo;Intánda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam;Ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe,Waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo.

19. Akayi kuphika, akayi kunkqangaza,Akukho mntu uya kuliva izwi lakhe ezitratweni.

20. Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula,Nomsonto oqhumayo akayi kuwucima,Ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo;

21. Kanjalo ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga.(UIsaya 42:1-4)

22. Kwaza kwaziswa kuye ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge; wamphilisa, wada lowo uyimfama usisidenge wathetha, wabona nokubona.

23. Zathi nqa ke zonke izihlwele, zathi, Ngunyana kaDavide kanti na lo?

24. Kodwa bona abaFarisi, bakuva, bathi, Lo yena akazikhuphi iidemon, kuphela kungoBhelezebhule, umphathi weedemon.

25. Uthe ke uYesu, ezazi iingcingane zabo, wathi kubo, Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza, nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayisayi kuma.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 12