Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 11:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, xeshikweni uYesu ebegqibile ukubamisela abafundi bakhe abalishumi elinababini, wesuka apho waya kufundisa nokushumayela emizini yabo.

2. Ke kaloku uYohane, eyive esentolongweni imisebenzi kaKristu, wesusa bababini kubafundi bakhe, wathi kuye,

3. Wena ungulowo uzayo na, silinde wumbi, kusini na?

4. Waphendula uYesu wathi kubo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizivayo nenizibonileyo:

5. iimfama zibuya zibone, neziqhwala ziyahamba; abaneqhenqa bayahlanjululwa, nezithulu ziyeva; abafileyo bayavuswa, namahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo.

6. Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.

7. Bakubon' ukuba bayemka abo, waqala uYesu wathi kwizihlwele ngaye uYohane, Náye niphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yabe iyingcongola na, izanyazanyiswa ngumoya?

8. Naye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo bambatha ezitofotofo baba sezindlwini zookumkani bona.

9. Náye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, nóde wagqithisa kumprofeti.

10. Kuba lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa,Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho,Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.(UMal. 3:1)

11. Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.

12. Kususela ke kwimihla kaYohane umbhaptizi kude kube kalokunje, ubukumkani bamazulu buyagonyamelwa, bathi abagonyameli babuthimbe.

13. Kuba bonke abaprofeti nomthetho báprofeta kwada kwakho uYohane.

14. Kananjalo ukuba niyavuma ukukwamkela oko, yena nguEliya, lo bekuthiwa uza kufika.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 11