Bakubon' ukuba bayemka abo, waqala uYesu wathi kwizihlwele ngaye uYohane, Náye niphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yabe iyingcongola na, izanyazanyiswa ngumoya?