Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 1:19-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Wathi ke uYosefu indoda yakhe, engolilungisa, engathandi ukumhlaza ekuhleni, wanga angamala ngasese.

20. Akubon' ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya oyiNgcwele.

21. Úya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu;* kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.

22. Ke kaloku oku konke kwenzeké, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti, isithi,

23. Yabonani, intombi le iya kumitha izale unyana,Bambize ngegama elinguImanuweli,(uIsaya 7:14)oko kukuthi ngentetho evakalayo, uThixo unathi.

24. Wathi ke uYosefu, evukile ebuthongweni, wenza ngoko besimmisele ngako isithunywa seNkosi, wamthabathela kuye umfazi wakhe;

25. waza ke àkamazi, wada wazala unyana wakhe wamazibulo; wambiza ke ngegama elinguYesu.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 1