Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 1:1-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Incwadi yomlibo wokuzalwa kukaYesu Kristu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.

2. UAbraham wazala uIsake; uIsake ke wazala uYakobi; uYakobi wazala uYuda nabazalwana bakhe;

3. uYuda wazala uPeretse noZera ngoTamare; uPeretse wazala uHetseron; uHetseron wazala uAram;

4. uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalemon;

5. uSalemon wazala uBhohazi ngoRahabhi; uBhohazi wazala uObhede ngoRute; uObhede wazala uYese;

6. uYese wazala uDavide ukumkani.UDavide ke ukumkani wazala uSolomon ngobengumkaUriya;

7. uSolomon wazala uRehabheham; uRehabheham wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa;

8. uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Uziya;

9. u-Uziya wazala uYotam; uYotam wazala uAhazi; uAhazi wazala uHezekiya;

10. uHezekiya wazala uManase; uManase wazala uAmon; uAmon wazala uYosiya;

11. uYosiya wazala uYekoniya nabazalwana bakhe ngexesha lokufuduselwa kwabo eBhabhilon.*

12. Emveni ke kokufuduselwa kwabo eBhabhilon, uYekoniya wazala uSalatiyeli; uSalatiyeli wazala uZerubhabheli;

13. uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore;

14. uAzore wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uYakin; uYakin wazala uElihudi;

15. uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi;

16. uYakobi ke wazala uYosefu, indoda kaMariya, ekuthe ngaye kwazalwa uYesu, okuthiwa nguKristu.*

17. Zonke izizukulwana ngoko, ezithabathela kuAbraham zizise kuDavide, zizizukulwana ezilishumi elinaziné; nezithabathela kuDavide zizise ekufuduselweni kwabo eBhabhilon, zizizukulwana ezilishumi elinaziné; nezithabathela ekufuduselweni kwabo eBhabhilon zizise kuKristu, zizizukulwana ezilishumi elinaziné.

18. Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon' ukuba unina uMariya useleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele.

19. Wathi ke uYosefu indoda yakhe, engolilungisa, engathandi ukumhlaza ekuhleni, wanga angamala ngasese.

20. Akubon' ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya oyiNgcwele.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 1