Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 14:9-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.

10. UYuda Sikariyoti, omnye kwabeshumi elinababini, wesuka waya kubabingeleli abakhulu, ukuba amnikele kubo.

11. Bathi ke bona bakuva bavuya; bambeka ngedinga lokumnika imali. Wayefuna ukuba angáthini na ukumnikela ngexesha elimlungeleyo.

12. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, xa bekubingelelwa imvana yepasika, bathi kuye abafundi bakhe, Ùnga singaya kulungisa phi na, ukuze uyidle ipasika?

13. Ususa babini kubafundi bakhe, athi kubo, Hambani niye kuwo umzi; nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni.

14. Apho athe wangena khona, nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi, Iphi na indlu yabahambi, apho ndingayidlela khona ipasika nabafundi bam?

15. Yena wonibonisa igumbi eliphezulu, elikhulu, landlelwe lalungiswa; silungiseleleni apho.

16. Baphuma abafundi bakhe abo, baya kungena kuwo umzi, bafumana kunjengoko wayebaxelele, bayilungisa ipasika.

17. Uthi kwakuhlwa, eze nabalishumi elinababini.

18. Bakubon' ukuba bahleli, bayadla, wathi uYesu, Inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha, lowo ke udla nam.

19. Baqala ke ukuba buhlungu, nokuthi kuye ngabanye, Ingaba ndim, yini na? Nomnye wathi, Ingaba ndim, yini na?

20. Uphendule ke wathi kubo, Ngomnye kwabeshumi elinababini, lowo ke uthi nkxu nam esityeni.

funda isahluko epheleleyo Umarko 14