Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 13:9-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo.

10. Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.

11. Xa sukuba ke benirhola beya kuninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga nto. Into enithe nayinikwa ngelo xa, thethani yona; kuba asinini enithethayo, nguMoya oyiNgcwele.

12. Ke kaloku, umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana, bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise;

13. nithìywe ngabantu bonke, ngenxa yegama lam. Ke onyamezelayo kude kube sekupheleni, lowo wosindiswa.

14. Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso,* ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele kuba khona (olesayo makaqiqe), mabathi ngelo xa abo bakwaYuda basabele ezintabeni.

15. Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe.

16. Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe.

17. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!

18. Thandazani ke, ukuze intsabo yenu ingabi khona ebusika.

19. Kuba yona loo mihla iya kuba yimbandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwakalokunje; engasayi kubuya ibekho.

20. Kanjalo ukuba iNkosi ibingayinqamlelanga loo mihla, bekungayi kubakho mntu usindayo; koko ithe ngenxa yabanyulwa ebanyulileyo, yayinqamlela imihla leyo.

21. Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukukholwa nguye;

22. kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka.

23. Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili.

24. Ngaloo mihla, emveni kwayo loo mbandezelo, liya kusuka ilanga lenziwe mnyama, ithi nenyanga ingabukhuphi ubumhlophe bayo;

25. zithi neenkwenkwezi zezulu zivuthuluke; athi namandla asemazulwini azanyazanyiswe.

funda isahluko epheleleyo Umarko 13