Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 12:36-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Kuba uDavide ngokwakhe wathi ngoMoya oyiNgcwele,Yathi iNkosi eNkosini yam,Hlala ngasekunene kwam,Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.(INdun. 110:1)

37. UDavide ngoko ngokwakhe uthi, ÚyiNkosi. Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe?Lwaye ke uninzi lwabantu lumva kamnandi.

38. Wayesithi kubo, ekufundiseni kwakhe, Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngeengubo ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho,

39. nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni;

40. abazidla bazigqibe izindlu zabahlolokazi, baze benyhwalaza bathandaze uzungu. Aba baya kwamkela ugwebo olugqithisileyo.

41. Waye uYesu ehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela ukuba sithini na isihlwele ukuphosa imali yobhedu emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu.

42. Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante.*

43. Ebabizele kuye abafundi bakhe, uthi kubo, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abaphosileyo emkhumbini wokulondoloza imali;

44. kuba bonke abo baphose bethabatha kwikhupha labo; ke yena ekusweleni kwakhe uphose konke abenako, impilo yakhe iphela.

funda isahluko epheleleyo Umarko 12