Testamente Endala

Testamente Entsha

Umarko 12:31-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Nowesibini ufana nawo; nangu: Uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunalé.

32. Wathi umbhali kuye, Ngxatsho ke, Mfundisi, uthethe inyaniso; ngokuba mnye uThixo, akukho wumbi ngaphandle kwakhe;

33. nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshiswayo kuphele, nemibingelelo.

34. UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye, Akukude wena ebukumkanini bukaThixo. Akwaba sabakho mntu ubenobuganga bakumbuza nto.

35. Waphendula uYesu, wathi, efundisa etempileni, Batsho ngani na ababhali ukuthi, UKristu* ungunyana kaDavide?

36. Kuba uDavide ngokwakhe wathi ngoMoya oyiNgcwele,Yathi iNkosi eNkosini yam,Hlala ngasekunene kwam,Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.(INdun. 110:1)

37. UDavide ngoko ngokwakhe uthi, ÚyiNkosi. Kuvela phi na ke ukuba ngunyana wakhe?Lwaye ke uninzi lwabantu lumva kamnandi.

38. Wayesithi kubo, ekufundiseni kwakhe, Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngeengubo ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho,

funda isahluko epheleleyo Umarko 12