Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 7:8-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze.

9. Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, waguqukela kwindimbane ebimlandela, wathi, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.

10. Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile.

11. Kwathi ngomhla olandelayo, waya emzini ekuthiwa yiNayin. Kwaye kuhamba naye iqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu.

12. Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye.

13. Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila.

14. Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Yathi, Ndodana, ndithi kuwe, Vuka.

15. Wavuka wahlala umfi lowo, waza ke wathetha. Yamnikela ke kunina.

16. Bangenwa ke kukoyika bonke. Babemzukisa uThixo, besithi, Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu; besithi, Ubavelele uThixo abantu bakhe.

17. Lwaphuma ke olo ludaba lungaye, lwahamba kwelakwaYuda liphela, nakuloo mmandla wonke.

18. Bazibika kuYohane abafundi bakhe zonke ezi zinto.

19. Ebizele kuye babini bathile kubafundi bakhe, uYohane wabathuma kuYesu esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na?

20. Efikile ke kuye amadoda lawo, athi, UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na?

21. Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo, wathi iimfama ezininzi wazibabala ukubona.

22. Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo.

23. Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.

24. Ke kaloku, bakubon' ukuba bemkile abathunywa bakaYohane, waqala wathi kwisihlwele ngaye uYohane, Nayé niphume naya kubona ntoni na entlango? Yaye iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya?

25. Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo eziqaqambileyo, badle ubuncwane, ngabasezindlwini zookumkani.

26. Nayé niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye igumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, nóde wagqithisa kumprofeti.

27. Lo ngulowo kubhaliweyo ngaye kwathiwa,Niyabona, mna ndiyamthuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho,Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.(UMal. 3:1)

funda isahluko epheleleyo Uluka 7