Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 13:22-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Waye ecanda kwimizi ngemizi, nemizana, efundisa, esinga eYerusalem.

23. Ke kaloku wathi othile kuye, Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?

24. Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.

25. Xa selethe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nokunkqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, nkosi, sivulele: úya kuza aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona.

26. Niya kwandula niqale ukuthi, Sadla, sasela, emehlweni akho; nawe wafundisa ezitratweni zethu.

27. Athi, Ndithi kuni, andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basébenzi bokungalungileyo.

28. Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle.

29. Babeya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasentla, nasezantsi, bangqengqe ebukumkanini bukaThixo.

30. Yabonani, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.

funda isahluko epheleleyo Uluka 13