Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 11:1-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngoko ke ndithi, UThixo ubagibile na abantu bakhe? Nakanye! Kuba nam lo ndingumSirayeli wasembewini ka-Abraham, wesizwe sikaBhenjamin.

2. UThixo akabagibanga bona abantu bakhe, abebazi ngenxa engaphambili. Okanye aniyazi na indawo ethetha ngoEliya esibhalweni, ukumangalela kwakhe amaSirayeli kuThixo, esithi,

3. Nkosi, abaprofeti bakho ábabulele, nezibingelelo zakho ázichithile; mna ndisele ndedwa; afuna ke ubomi bam?

4. Sisuka esikaThixo isihlabo sithini na kuye? Sithi, Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, angagobanga dolo kuBhahali* wona.

5. Ngokunjalo ke ngoko, nakweli xesha lakalokunje, kukho amasalela ngokonyulo lobabalo.

6. Ukuba ke kungobabalo, akusengamisebenzi; okanye ubabalo alungebi saba lubabalo.

7. Kuthiweni na ngoko? Kuthiwe, Khona oko akungxameleyo amaSirayeli akakufumananga; ke abanyuliweyo bakufumana, bathi ke abanye baqaqadekiswa;

8. njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UThixo ubanike umoya wokuqoba, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwaba yimini yanamhla.

9. Kanjalo uDavide uthi,Isithebe sabo masibe sisibatha, nesihogo sokubambisa,Nesikhubekiso, nesiphindezelo kubo:

10. Makenziwe abe mnyama amehlo abo, ukuba bangàboni;Nomhlana wabo wugobe amaxa onke.(INdum. 69:22,23)

11. Ndithi ngoko, Bakhubeka ukuze bawe na? Nakanye! Kuthe ngesiphoso sabo, usindiso lwafika kuzo iintlanga, ukuze zibakhweletise.

12. Ukuba ke isiphoso sabo siba bubutyebi behlabathi, nokuncipha kwabo kuba bubutyebi beentlanga, yobeka phi na inzaliseko yabo?

13. Kuba ndithetha kuni, zintlanga. Ekubeni okunene mna ndingumpostile* weentlanga, ndiyaluzukisa ulungiselelo lwam;

14. ukuba ndingáde ndibakhweletise abenyama yam, ndisindise inxenye yabo.

15. Kuba xa ukulahlwa kwabo kuluxolelaniso lwehlabathi, koba yintoni na ukwamkelwa kwabo? Akububomi obuphuma kwabafileyo, yini na?

16. Ukuba ke intlahlela ingcwele, ikwanjalo nentlama; ukuba ke ingcambu ingcwele, akwanjalo namasebe.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 11