Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 1:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. ubhalela bonke abaseRoma, abaziintanda zikaThixo, abangcwele ababiziweyo, esithi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Kristu.

8. Kuqala ke, ndiyabulela kuThixo wam ngoYesu Kristu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu luxelwa ehlabathini liphela.

9. Kuba ulingqina lam uThixo, endimkhonzayo ngomoya wam kwiindaba ezilungileyo zoNyana wakhe, okokuba andiyeki ukunikhankanya;

10. ndihlala ndikhunga emithandazweni yam, ukuba ndingáde ngoku ndibe nempumelelo, ndize kuni nangakuphi, ngako ukuthanda kukaThixo.

11. Kuba ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele sibabalo sithile sisesomoya, ukuze nizimaseke;

12. oko ke kukuze ndivuseleleke nam phakathi kwenu, ngalo ukholo olukuthi sobabini, ngolwenu kwanangolwam.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 1