kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16

Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 1 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umbuliso

1. UPawulos, umkhonzi kaYesu Kristu, umpostile* owabizwayo, wahlulelwa ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zikaThixo,

2. awazidingayo ngenxa engaphambili ngabo abaprofeti bakhe ezibhalweni ezingcwele,

3. ebhekisele kuNyana wakhe, owazalwa engowembewu kaDavide ngokwenyama,

4. owamiswayo ukuba unguNyana kaThixo, enamandla, ngokomoya wobungcwele, ngokuvuka kwabafileyo, uYesu Kristu ke, iNkosi yethu;

5. esathi ngaye samkela ubabalo nobupostile, ukuze ngenxa yegama lakhe kubekho ukulululamela ukholo phakathi kwazo zonke iintlanga;

6. eniphakathi kwazo nani, babiziweyo bakaYesu Kristu:

7. ubhalela bonke abaseRoma, abaziintanda zikaThixo, abangcwele ababiziweyo, esithi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Kristu.

Ulangazelelo lukaPawulos lokuya eRoma

8. Kuqala ke, ndiyabulela kuThixo wam ngoYesu Kristu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu luxelwa ehlabathini liphela.

9. Kuba ulingqina lam uThixo, endimkhonzayo ngomoya wam kwiindaba ezilungileyo zoNyana wakhe, okokuba andiyeki ukunikhankanya;

10. ndihlala ndikhunga emithandazweni yam, ukuba ndingáde ngoku ndibe nempumelelo, ndize kuni nangakuphi, ngako ukuthanda kukaThixo.

11. Kuba ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele sibabalo sithile sisesomoya, ukuze nizimaseke;

12. oko ke kukuze ndivuseleleke nam phakathi kwenu, ngalo ukholo olukuthi sobabini, ngolwenu kwanangolwam.

13. Andithandi ke ukuba ningàzi, bazalwana, ukuba kúfuthi ndizimisela entliziyweni yam ukuza kuni (ndathintelwa kwada kwanamhla), ukuze ndibe nasiqhamo sithile naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga.

14. KumaGrike kwanakumabharbhari,* kwizilumko kwanakwabaswele ukuqonda, ndimelwe kukushumayela.

15. Ngokunjalo okukokwam ndingxamele ukuzishumayela iindaba ezilungileyo nakuni baseRoma.

Inkcazo yeendaba ezilungileyo

16. Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo zikaKristu; kuba zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umYuda kuqala, kwanomGrike.

17. Kuba ngazo kutyhilwa ubulungisa bukaThixo, buphuma elukholweni buse elukholweni, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Olilungisa ke uya kudla ubomi ngokokholo.(UHabh. 2:4)

Ubungendawo beentlanga

18. Kuba ityhilekile ingqumbo kaThixo ivela emazulwini, ichase konke ukungahloneli Thixo, nentswela-bulungisa yabantu, abayithintelayo inyaniso ngokuswela ukulungisa.

19. Ngokokuba oko kwazekayo ngoThixo kuyabonakala ngaphakathi kwabo; kuba uThixo wakubonakalalisa kubo.

20. Kuba kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwaamandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi nakuziphendulela.

21. Ngokokuba bathe, bemazi uThixo, àbamzukisa ngokoThixo, àbabulela kuye; basuka bazizinto ezingento ezicamangweni zabo, yaza intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa yamnyama;

22. bathi besiba bazizilumko, besuka baba ziziyatha;

23. baza ubuqaqawuli bukaThixo ongenakonakala babananisela intsobi yomfanekiselo womntu onokonakala, noweentaka, nowezinto ezizitho ziné, nowezinambuzane.

24. Kungoko athe, besezinkanukweni zeentliziyo zabo, uThixo wabanikela nokubanikela ekungcoleni, ukuba bahlazisane ngemizimba yabo;

25. bona bananiséle ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali, ongowokubongwa kuse kuwo amaphakade. Amen.

26. Ngenxa yoko, uThixo wabanikela ekuthabathekeni okulihlazo; kuba namankazana abo umsebenzi wasemvelweni awananisela okunxamnye nemvelo;

27. kwaza kwangokunjalo ke namadoda, ewushiya umsebenzi wenkazana wasemvelweni, avutha ngokukhanukana kwawo, amadoda esenza kumadoda okuziintloni, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo.

28. Njengokuba ke bekúmangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo;

29. bezele yiyo yonke intswelabulungisa, okungendawo, ukubawa, ulunya; bezele ngumona, kukubulala, ziinkani, yinkohliso, bubumenemene;

30. ábasebezi, ábahlebi, abathiyekileyo kuThixo, abasileyo, abanekratshi, abaqhankqalazi, abacebi bezinto ezimbi, abangàbevayo abazali,

31. abangenakuqonda, abaphuli beminqophiso, abangenabubele, abangenatarhu, abangenanceba;

32. bona bathi, besazi kakuhle isimiselo sikaThixo, sokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa, banganeli kukuzenza, basuka bathakazelele nabò bazenzayo.