Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 1:1-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UPawulos, umkhonzi kaYesu Kristu, umpostile* owabizwayo, wahlulelwa ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zikaThixo,

2. awazidingayo ngenxa engaphambili ngabo abaprofeti bakhe ezibhalweni ezingcwele,

3. ebhekisele kuNyana wakhe, owazalwa engowembewu kaDavide ngokwenyama,

4. owamiswayo ukuba unguNyana kaThixo, enamandla, ngokomoya wobungcwele, ngokuvuka kwabafileyo, uYesu Kristu ke, iNkosi yethu;

5. esathi ngaye samkela ubabalo nobupostile, ukuze ngenxa yegama lakhe kubekho ukulululamela ukholo phakathi kwazo zonke iintlanga;

6. eniphakathi kwazo nani, babiziweyo bakaYesu Kristu:

7. ubhalela bonke abaseRoma, abaziintanda zikaThixo, abangcwele ababiziweyo, esithi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Kristu.

8. Kuqala ke, ndiyabulela kuThixo wam ngoYesu Kristu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu luxelwa ehlabathini liphela.

9. Kuba ulingqina lam uThixo, endimkhonzayo ngomoya wam kwiindaba ezilungileyo zoNyana wakhe, okokuba andiyeki ukunikhankanya;

10. ndihlala ndikhunga emithandazweni yam, ukuba ndingáde ngoku ndibe nempumelelo, ndize kuni nangakuphi, ngako ukuthanda kukaThixo.

11. Kuba ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele sibabalo sithile sisesomoya, ukuze nizimaseke;

12. oko ke kukuze ndivuseleleke nam phakathi kwenu, ngalo ukholo olukuthi sobabini, ngolwenu kwanangolwam.

13. Andithandi ke ukuba ningàzi, bazalwana, ukuba kúfuthi ndizimisela entliziyweni yam ukuza kuni (ndathintelwa kwada kwanamhla), ukuze ndibe nasiqhamo sithile naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga.

14. KumaGrike kwanakumabharbhari,* kwizilumko kwanakwabaswele ukuqonda, ndimelwe kukushumayela.

15. Ngokunjalo okukokwam ndingxamele ukuzishumayela iindaba ezilungileyo nakuni baseRoma.

16. Kuba andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo zikaKristu; kuba zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umYuda kuqala, kwanomGrike.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 1