Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 8:4-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kuba okunene, ukuba ebesemhlabeni, ubengayi kukha abe mbingeleli, bekho nje ababingeleli abayisondezayo iminikelo ngokomthetho:

5. bona bàthi bakhonze umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini, kwanjengokuba uMoses wayehlatyelwe nguThixo, xa abeza kuwufeza umnquba; kuba wathi, Khangela ukuba uzènze zonke izinto ngokomfuziselo owawuboniswayo entabeni.

6. Kodwa kungoku, úzuze umbuso ogqithiseleyo kulowo, kangangokuba engumlamleli womnqophiso olungileyo ngakumbi, wona usekwe phezu kwawona madinga alungileyo.

7. Kuba, ukuba ubungenakusoleka lowo wokuqala, ubungayi kufunelwa ndawo owesibini.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 8