Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 8:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, eyona nto iyintloko kwezi zinto zithethwayo yile: Sinombingeleli omkhulu onje, othe wahlala phantsi ngasekunene kwetrone yobuKhulu emazulwini,

2. ongumbusi wengcwele, nowomnquba wenyaniso owamiswayo yiNkosi, àwamiswa ngumntu.

3. Kuba wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba asondeze iminikelo kwanamadini; ekuthe ngenxa yoko kwafuneka ukuba naye lo abe nento ayisondezayo.

4. Kuba okunene, ukuba ebesemhlabeni, ubengayi kukha abe mbingeleli, bekho nje ababingeleli abayisondezayo iminikelo ngokomthetho:

5. bona bàthi bakhonze umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini, kwanjengokuba uMoses wayehlatyelwe nguThixo, xa abeza kuwufeza umnquba; kuba wathi, Khangela ukuba uzènze zonke izinto ngokomfuziselo owawuboniswayo entabeni.

6. Kodwa kungoku, úzuze umbuso ogqithiseleyo kulowo, kangangokuba engumlamleli womnqophiso olungileyo ngakumbi, wona usekwe phezu kwawona madinga alungileyo.

7. Kuba, ukuba ubungenakusoleka lowo wokuqala, ubungayi kufunelwa ndawo owesibini.

8. Kuba uthi kubo, esola,Yabona, kuza imihla, itsho iNkosi,Endiya kuzalisekisa phezu kwendlukaSirayeli, naphezu kwendlu kaYuda, umnqophiso omtsha;

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 8