Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 3:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba singaba sithe sakúbamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni.

7. Endithi ke, njengoko atshoyo uMoya oyiNgcwele,Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,

8. Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu,Njengasengcaphukisweni, ngomhla wolingo entlango;

9. Apho bandilingayo ooyihlo, bandicikida,Bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mané.

10. Kungoko ndakruqukayo seso sizukulwana,Ndathi, Bahlala belahleka ngeentliziyo,Abazazi ke bona iindlela zam;

11. Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!(INdum. 95:7-11)

12. Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;

13. manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.

14. Kuba siba ngamabelána ngoKristu, ukuba sithe ingqalo yokukholosa kwethu sayibamba ngokuthe nkqi, sada sesa ekupheleni;

15. ekubeni kusithiwa,Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni.(INdum. 95:7,8)

16. Kuba bathe abathile, bevile, bacaphukisa, phofu ingengabo bonke abo baphumayo eYiputa ngoMoses.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 3