Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 3:10-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Kungoko ndakruqukayo seso sizukulwana,Ndathi, Bahlala belahleka ngeentliziyo,Abazazi ke bona iindlela zam;

11. Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo, Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!(INdum. 95:7-11)

12. Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo;

13. manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.

14. Kuba siba ngamabelána ngoKristu, ukuba sithe ingqalo yokukholosa kwethu sayibamba ngokuthe nkqi, sada sesa ekupheleni;

15. ekubeni kusithiwa,Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni.(INdum. 95:7,8)

16. Kuba bathe abathile, bevile, bacaphukisa, phofu ingengabo bonke abo baphumayo eYiputa ngoMoses.

17. Yayingoobani na ke awakruquka ngabo iminyaka emashumi mané? Yabingengabo na abo bonayo, bazidumbu zawayo entlango?

18. Wafungela oobani na ke, ukuba abayi kungena ekuphumleni kwakhe, ingengabo abo bangevanga?

19. Siyabona ke, ukuba babengenakungena, ngenxa yokungakholwa.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 3