Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 1:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo.

5. Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso,ÙnguNyana wam wena,Mna ndikuzele namhla?(INdum. 2:7)Nokuthi,Mna ndiya kuba nguYise wakhe,Yena abe nguNyana wam?(USam. II 7:14)

6. Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.

7. Okunene ngazo izithunywa zezulu uthi,Ulozenza izithunywa zakhe oomoya,Nababusi bakhe ilangatye lomlilo;(INdum. 104:4)

8. kodwa ngaye yena uNyana uthi,Itrone yakho, Thixo, isa ephakadeni lasephakadeni;Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 1