kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13

Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 1 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

UKristu uNyana kaThixo uphakamile kunezithunywa zezulu

1. UThixo wayethethile nje kudala ngeendawo ezininzi, nangeendlela ezininzi, koobawo ngabo abaprofeti, uthethe ngale mihla yokugqibela kuthi ngoNyana;

2. awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wayenza indalo yonke;

3. othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni;

4. ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo.

5. Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso,ÙnguNyana wam wena,Mna ndikuzele namhla?(INdum. 2:7)Nokuthi,Mna ndiya kuba nguYise wakhe,Yena abe nguNyana wam?(USam. II 7:14)

6. Nangexa athi amngenise owamazibulo kwelimiweyo, uthi, Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.

7. Okunene ngazo izithunywa zezulu uthi,Ulozenza izithunywa zakhe oomoya,Nababusi bakhe ilangatye lomlilo;(INdum. 104:4)

8. kodwa ngaye yena uNyana uthi,Itrone yakho, Thixo, isa ephakadeni lasephakadeni;Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.

9. Wathanda ubulungisa, wathiya okungendawo;Ngenxa yoko, uThixo, uThixo wakho, ukuthambiseNgeoli yomgcobo ngaphezu kowenu.(INdum. 45:6,7)

10. Abuye athi,Ekuqalekeni, wena Nkosi, waliseka ihlabathi,Nalo izulu lingumsebenzi wezandla zakho;

11. Wona aya kutshabalala, ke wena uhlala uhleli;Aye onke njengengubo eya konakala,

12. Nanjengesambatho ùya kuwasonga,Asuke abe ngawambi;Ke wena ùkwanguwe,Nayo iminyaka yakho ayiyi kuphela.(INdum. 102:25-27)

13. Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso,Hlala ngasekunene kwam,Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?(INdum. 110:1)

14. Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso?