Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 1:11-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wona aya kutshabalala, ke wena uhlala uhleli;Aye onke njengengubo eya konakala,

12. Nanjengesambatho ùya kuwasonga,Asuke abe ngawambi;Ke wena ùkwanguwe,Nayo iminyaka yakho ayiyi kuphela.(INdum. 102:25-27)

13. Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso,Hlala ngasekunene kwam,Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?(INdum. 110:1)

14. Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso?

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 1