1. UThixo wayethethile nje kudala ngeendawo ezininzi, nangeendlela ezininzi, koobawo ngabo abaprofeti, uthethe ngale mihla yokugqibela kuthi ngoNyana;
2. awammisayo wayindlalifa yeento zonke, awathi kwangaye wayenza indalo yonke;
3. othe, elubengezelo lobuqaqawuli bakhe, nombhalo wenkqu yakhe, ezithwele nokuzithwala zonke izinto ngalo ilizwi lamandla akhe, wesuka, akuba eyenzile ngokwakhe intlambululo yokusihlambulula ezonweni, wahlala phantsi ngasekunene kobuKhulu, enyangweni;
4. ethe waba ngonamandla ngaphezu kwezithunywa zezulu, ngangoko azuze ilifa legama eligqithiseleyo kunelazo.
5. Kuba sisiphi na isithunywa, awakha wathi kuso,ÙnguNyana wam wena,Mna ndikuzele namhla?(INdum. 2:7)Nokuthi,Mna ndiya kuba nguYise wakhe,Yena abe nguNyana wam?(USam. II 7:14)