Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 8:22-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingáthi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho.

23. Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswelabulungisa.

24. Waphendula ke uSimon wathi, Ndikhungeleni nina eNkosini, ukuze ndingahlelwa nanye yezo zinto nizithethileyo.

25. Bona ke ngoko, bakuba beqononondisile, belithetha ilizwi leNkosi, babuya beza eYerusalem; kanjalo imizi emininzi yelaseSamariya bayishumayeza iindaba ezilungileyo.

26. Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango.

27. Usukile ke waya. Kwavela indoda engumTiyopiya,* ithenwa, isikhulu sikaKandase, ukumkanikazi wamaTiyopiya, ebiphethe bonke ubutyebi bakhe, eyayize kunqula uThixo eYerusalem.

28. Yayibuya, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya.

29. Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo.

30. Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya; wathi, Ùyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo?

31. Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yambongoza uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo.

32. Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibiyile ithi,Njengemvu esiwa ekuxhelweni,Njengemvana esisimumu phambi komchebi wayo,Wenjenjalo yena ukungawuvuli umlomo wakhe.

33. Ekuthobekeni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa;Ngubani na ke owosicacisa ukusixela isizukulwana sakhe?Ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni.(UIsaya 53:7,8)

34. Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; uzithetha yena na, uthetha mntu wumbi, kusini na?

35. Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, waqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu.

36. Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa?

37. Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo.

38. Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini, uFilipu kwanethenwa; walibhaptiza.

39. Xeshikweni ke babenyukile, baphuma emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba sambona ithenwa, kuba lalihamba ngeyalo indlela livuya.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 8