Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 6:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku ngaloo mihla, bakubon' ukuba bayanda abafundi, kwabakho ukukrokra kwawesiGrike amaYuda ngakwawesiHebhere, ngokuba abahlolokazi bawo babesiléla ekulungiselelweni kwemihla ngemihla.

2. Bathe ke abalishumi elinababini bawubizela kubo umhlambí wabafundi, bathi, Akukholekile ukuba thina silishiye ilizwi likaThixo, silungiselele ezitafileni.

3. Khangelani ngoko, bazalwana, amadoda kuni abe sixhenxe, angqinelwe ukulunga, ezele nguMoya oyiNgcwele nabubulumko, esiya kuwamisela lo msebenzi;

4. ke thina siya kuzingisa ekuthandazeni nasekulungiseleleni ilizwi.

5. Lakholeka ilizwi elo emehlweni omhlambi lowo wonke; banyula uStefano, indoda ezele lukholo nanguMoya oyiNgcwele, noFilipu, noProkoro, noNikanore, noTimon, noParmena, noNikolawo wakwa-Antiyokwe owabengene ebuYudeni:

6. ababamisayo emehlweni abapostile; bathi bakuthandaza, bazibeka izandla phezu kwabo.

7. Laye liya likhula ilizwi likaThixo, liya lisanda kakhulu inani labafundi eYerusalem; laye neqela elikhulu lababingeleli lilululamela ukholo.

8. Ke kaloku uStefano, ezele lukholo nangamandla, wayesenza izimanga nemiqondiso emikhulu phakathi kwabantu.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 6