Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 28:18-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Athe wona akundincina, afuna ukundikhulula, ngenxa yokuba kungekho tyala lakufa ndinalo.

19. Athe ke amaYuda akùphika, ndanyanzeleka ukuba ndibhenele kuKesare;* kungengakuba ndibe ndinento yokulumangalela ngayo uhlanga lwakowethu.

20. Ndìnibongozé ke ngenxa yeso sizathu ukuba nize, ndinibone, ndithethe nani; kuba kungenxa yethemba lakwaSirayeli endinxitywe lo mxokelelwane.

21. Wona ke athi kuye, Thina asizuzanga zincwadi zithetha ngawe, zivele kwelakwaYuda; kananjalo akufikanga bani wakubazalwana, owabika, wathetha nto ikhohlakeleyo ngawe.

22. Sìnga ke singeva kuwe izinto ozicingayo; kuba okunene ngalo elo hlelo kuyazeka kuthi, ukuba lichasiwe ezindaweni zonke.

23. Ke kaloku, bakummisela imini, kweza kuye into eninzi endlwini abehlala kuyo, wabatyhilela, ebaqononondisa kunene, ubukumkani bukaThixo; kananjalo ebebeyisela kokungoYesu, ethabatha emthethweni kaMoses kwanakubaprofeti, eqala kusasa ahlwise.

24. Yaye inxenye iseyiseka ngaloo mazwi athethwa nguye, yaye inxenye ingàkholwa.

25. Bakuba ke bengavumelani, banduluka, akubon' ukuba uPawulos uthethe zwi-nye, wathi,

26. Watyapha uMoya oyiNgcwele ukuthetha ngoIsaya umprofeti koobawo bethu, esithi,Hamba uye kwaba bantu, uthi,Ukuva oku niya kuva, ningakhe niqonde;Nithi nibona nje, nibone, ningakhe niqiqe.

27. Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba;Beva nzima ngeendlebe,Bewacima namehlo abo;Hleze babone ngamehlo,Beve ngeendlebe,Baqonde ngeentliziyo,Bajike, ndibaphilise.(UIsaya 6:9,10)

funda isahluko epheleleyo Izenzo 28