Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 28:14-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma.

15. Bathi abazalwana, bakusiva, baphuma khona apho, beza kusihlangabeza, bada beza eApiyoforo, naseTritabherne; athe uPawulos, akubabona, wabulela kuThixo, womelezeka.

16. Ke kaloku, xeshikweni sifikileyo eRoma, umthetheli-khulu wabanikela ababanjwa kumthetheli-mkhosi; ke yena uPawulos wavunyelwa ukuba ahlale yedwa, nesoldati elimgcinayo.

17. Kwathi ke, emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wabizela ndawonye abaziintloko bamaYuda; abathe bakubon' ukuba ke babuthelene, wathi kubo, Madoda, bazalwana, mna ndithe, ndingenzanga nto ichasene nabantu namasiko akowethu, ndesuka eYerusalem ndingumbanjwa, ndanikelwa ezandleni zamaRoma.

18. Athe wona akundincina, afuna ukundikhulula, ngenxa yokuba kungekho tyala lakufa ndinalo.

19. Athe ke amaYuda akùphika, ndanyanzeleka ukuba ndibhenele kuKesare;* kungengakuba ndibe ndinento yokulumangalela ngayo uhlanga lwakowethu.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 28