Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 27:25-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Kungoko ndithi, Yibani nomxhelo owonwabileyo, madoda; kuba ndiyakholwa nguThixo, ukuba kuya kuba njalo ngolo hlobo athethe ngalo kum.

26. Kodwa simelwe kukuphoseka siqithini sithile.

27. Ke kaloku, kwakufika ubusuku beshumi elinesiné, sakubon' ukuba siqhutywaqhutywa ngumoya eAdriya, mayela phakathi kobusuku, oomatrose bazindla ukuba kukho mhlaba uthile basondelayo kuwo.

28. Baza bakuba beyiphosile ilothe,* bafumana ukuba ziifatom* ezimashumi mabini; bethe tyi ke kancinane, baphinda bayiphosa ilothe, bafumana ukuba ziifatom ezilishumi elinantlanu.

29. Baza, besoyika ukuthi bangaphoseka ezindaweni ezibungqagala, baphosa iiankile* zané esinqeni somkhombe, banga kungasa.

30. Ke kaloku, bakubon' ukuba oomatrose bangxamele ukubaleka baphume emkhombeni, bewuhlisele elwandle umkhonjana, bengáthi baza kuyekelela iankile ngaphambili,

31. wathi uPawulos kumthetheli-khulu nakumasoldati, Ukuba aba abathanga bahlale emkhombeni, aninakusindiswa nina.

32. Andula amasoldati azinqamla iintsontelo zomkhonjana, awuyeka wawa, wemka.

33. Ke kaloku kwada kwaza kusa, uPawulos ebabongoza bonke ukuba badle ukudla, esithi, Namhla ngumhla weshumi elinesiné nilinda, nimana nizila ukudla, ningafaki nto emlonyeni;

34. ke ngoko ndiyanibongoza ukuba nidle ukudla; kuba oko kuyelelene nokusindiswa kwenu; kuba akuyi kuwa nalunwele lwentloko kabani kuni.

35. Ke kaloku, akuba etshilo, wathabatha isonka, wabulela kuThixo emehlweni abo bonke; waqhekeza, waqala wadla.

36. Bonke ke baba nomxhelo owonwabileyo, bathabatha ukudla nabo.

37. Saye ke emkhombeni apho sonke siyimiphefumlo emakhulu mabini anamanci asixhenxe anamithandathu.

38. Bathe ke, bakuhlutha, bawenza khaphukhaphu umkhombe, beyiphosa elwandle ingqolowa.

39. Kwakusa ke, abawazanga loo mhlaba; ke babona ichwetyana elithile linonxweme, babhunga ukuwutyhalela kulo umkhombe, ukuba bangaba nako.

40. Baza, bezinqumla zonke iiankile, baziyekela elwandle, bezikhulule kunye nezibophelelo zemithi yokujika; bayitwabulula iseyilana ngasemoyeni, babhekisa elunxwemeni.

41. Bakuba ke begaxeleke endaweni enolwandle ngeenxa zombini, wangqubeka khona umkhombe; umphambili wagxumekeka khona, wahlala awashukuma; ke sona isinqe saqhekeka ngamandla amaza.

42. Ke kaloku icebo lamasoldati laba lelokuba babulawe ababanjwa, hleze kubekho obaleka ngokudada, aphume.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 27