Ke kaloku, kwakufika ubusuku beshumi elinesiné, sakubon' ukuba siqhutywaqhutywa ngumoya eAdriya, mayela phakathi kobusuku, oomatrose bazindla ukuba kukho mhlaba uthile basondelayo kuwo.