Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 27:22-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Nangoku ndiyaniluleka ukuba nibe nomxhelo owonwabileyo; kuba kuni aba, akukho uya kulahlekelwa bubomi bakhe, yoba ngumkhombe wodwa.

23. Kuba ngobu busuku bekumi ngakum isithunywa sikaThixo, endingowakhe, endimkhonzayo, sisithi,

24. Musa ukoyika, Pawulos, umelwe kukuma phambi koKesare;* uyabona, uThixo ukubabale ngabo bonke abasemkhombeni nawe.

25. Kungoko ndithi, Yibani nomxhelo owonwabileyo, madoda; kuba ndiyakholwa nguThixo, ukuba kuya kuba njalo ngolo hlobo athethe ngalo kum.

26. Kodwa simelwe kukuphoseka siqithini sithile.

27. Ke kaloku, kwakufika ubusuku beshumi elinesiné, sakubon' ukuba siqhutywaqhutywa ngumoya eAdriya, mayela phakathi kobusuku, oomatrose bazindla ukuba kukho mhlaba uthile basondelayo kuwo.

28. Baza bakuba beyiphosile ilothe,* bafumana ukuba ziifatom* ezimashumi mabini; bethe tyi ke kancinane, baphinda bayiphosa ilothe, bafumana ukuba ziifatom ezilishumi elinantlanu.

29. Baza, besoyika ukuthi bangaphoseka ezindaweni ezibungqagala, baphosa iiankile* zané esinqeni somkhombe, banga kungasa.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 27