Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 27:10-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. uPawulos wamana ebalúleka, esithi kubo, Madoda, ndiyabona ukuba uhambo olu luza kuba nenkxwaleko nokonakala okukhulu, kungekwamthwalo namkhombe wodwa, kukokobomi bethu nabo.

11. Kodwa umthetheli-khulu wayethambele okomqhubi nokomninimkhombe ukuthetha, kunokukaPawulos.

12. Ke kaloku, ichweba lingàkulungele nje ukuba kudluliswe busika kulo, abòna baninzi kubo baceba ukuba kundulukwe khona, ukuba mhlawumbi banganokufikelela badlulise ubusika eFinikis, elichweba laseKrete; elibheke kwintshonalanga engasezantsi, nakwintshonalanga engasentla.

13. Kuthe ke, wakùbetha impepho umoya wasezantsi, beba bakuzuzile ababekungxamele, banduluka, badlula kufuphi neKrete.

14. Kodwa kungekabi mzuzu, kwagaleleka khona umoya osisaqhwithi, ekuthiwa yiYuroklidon.*

15. Kuthe ke kwakubon' ukuba uthiwe hlasi umkhombe, awaba nako ukumelana nomoya, sasesiwuyeka; saqhutywa.

16. Sathi sakubaleka ke, sibetha ngaphantsi kwesiqithana esithile, ekuthiwa yiKlawuda, kwaba ngenkankulu ukuba sibe nako ukuwubamba umkhonjana;

17. abathe bakuwufunqula, basebenza ngezinto zokunceda, bewubhinqisa umkhombe; kananjalo bathi, besoyika ukuba bangeyela esihlabeni, bazifinyeza iiseyile, baqhutywa benjalo.

18. Sithe ke, sakubon' ukuba ke sibandezelwe kakubi liliqhwa, ngomhla olandelayo bawuphungula umthwalo;

19. nangowesithathu sayilahla ngezandla zethu impahla yomkhombe.

20. Kuthe ke, kwakubon' ukuba akubonakali langa nankwenkwezi iintsuku ezininzi, kucinezele neliqhwa elingelincinane, laphela kwathi tu lonke ithemba lokuba singásindiswa.

21. Emva kokuzila ukudla ixesha elide, wesuka wema uPawulos phakathi kwabo, wathi, Hina madoda, ninge naniphulaphule kum, ananduluka eKrete, nizuzane nale nkxwaleko noku konakala.

22. Nangoku ndiyaniluleka ukuba nibe nomxhelo owonwabileyo; kuba kuni aba, akukho uya kulahlekelwa bubomi bakhe, yoba ngumkhombe wodwa.

23. Kuba ngobu busuku bekumi ngakum isithunywa sikaThixo, endingowakhe, endimkhonzayo, sisithi,

24. Musa ukoyika, Pawulos, umelwe kukuma phambi koKesare;* uyabona, uThixo ukubabale ngabo bonke abasemkhombeni nawe.

25. Kungoko ndithi, Yibani nomxhelo owonwabileyo, madoda; kuba ndiyakholwa nguThixo, ukuba kuya kuba njalo ngolo hlobo athethe ngalo kum.

26. Kodwa simelwe kukuphoseka siqithini sithile.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 27