Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 20:7-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, bakubon' ukuba abafundi bahlanganisene ukuba baqhekeze isonka, uPawulos wayexoxa nabo, eza kumka ngengomso; wayolula intetho yakhe kwada kwaphakathi kobusuku.

8. Zaye ke izibane zanele egumbini eliphezulu, apho babehlanganisene khona.

9. Kwakuhleli ke efestileni ndodana ithile ingama linguYutiko, isindwa bubuthongo obukhulu. Akubon' ukuba ke uPawulos kukade exoxa, yoyiswa bubuthongo, yawa phantsi isuka kolwesithathu udidi, yafunqulwa ifile.

10. Ehlile ke uPawulos, waziphosa phezu kwayo; eyiwolile wathi, Musani ukwenza isiphithiphithi; kuba umphefumlo wayo ukuyo.

11. Wenyuka ke, waqhekeza isonka, wadla; kananjalo waxoxa ngokwaneleyo kwada kwasa, wemka njalo.

12. Bamzisa ke umfana lowo ehleli, bathuthuzeleka ngokungenamlinganiselo.

13. Ke kaloku thina sandulela saya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo.

14. Sithe ke, akuhlangana nathi eAso, samthabatha seza eMitilene.

15. Sesuka apho ngomkhombe, ngengomso safika malungana neKiyo; sathi ke ngengomsomnye sagaleleka eSamo, sahlala eTrogiliyo; ngolandelayo seza eMileto.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 20