Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 20:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, emva kokuphela kwesiphithiphithi eso, uPawulos wababizela kuye abafundi, wababulisa, waphuma waya kwelaseMakedoni.

2. Ewatyhutyhile ke loo macala, ebayalile ngokuthetha okukhulu, weza kwelamaGrike.

3. Wenza apho iinyanga zantathu.Uthe ke, kwakwenziwa iyelenqe ngaye ngamaYuda, xa aza kuya ngomkhombe kwelaseSiriya, wagqiba kwelokuba acande kwelaseMakedoni ngokubuya.

4. Waphelekelelwa ke, kwada kweza kwelaseAsiya, nguSopatro waseBhereya; kumaTesalonika ke yangu-Aristarko noSekundo; noGayo waseDerbhe, noTimoti; kwabelaseAsiya yanguTikiko noTrofimo;

5. abo basandulela, basilinda eTrowa.

6. Semka ke thina ngomkhombe eFilipi, emva kwemihla yezonka ezingenagwele, seza kubo eTrowa ngeentsuku ezintlanu; salibala khona iintsuku zasixhenxe.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 20