Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 2:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Thina maParti, namaMedi, namaElam, nathi simiyo kwelaseMesopotami, kwelakwaYuda kwanakwelaseKapadoki, kwelasePonto nakwelaseAsiya,

10. kwelaseFrigi kwanakwelasePamfili, kwelaseYiputa, nasemacaleni elaseLibhi ngaseKirene, nathi bahambi baseRoma, síngamaYuda kwanabangeni ebuYudeni,

11. thina maKrete nama-Arabhi, sibeva bona bezithetha ngezakomawethu iilwimi izinto ezinkulu zikaThixo.

12. Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto?

13. Abanye ke babehlekisa ngabo, besithi, Bahluthi yiwayini enencasa.

14. Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, waphimisela ukuthetha, wathi kubo:Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele iindlebe amazwi am.

15. Aba àbanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini.

16. Oku khona koko kuthethiweyo ngomprofeti uYoweli, kwathiwa,

funda isahluko epheleleyo Izenzo 2