Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 2:14-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, waphimisela ukuthetha, wathi kubo:Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele iindlebe amazwi am.

15. Aba àbanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini.

16. Oku khona koko kuthethiweyo ngomprofeti uYoweli, kwathiwa,

17. Kuya kuthi ngayo imihla yokugqibela, utsho uThixo,Ndimthulule uMoya wam phezu kwayo yonke inyama,Baprofete oonyana benu neentombi zenu,Athi amadodana enu abone imibono,Namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha;

18. Ewe, ndaye, phezu kwabakhonzi bam, naphezu kwabakhonzazana bam, ngaloo mihlaNdíya kumthulula uMoya wam, baprofete;

19. Ndénze izimanga ezulwini phezulu,Nemiqondiso emhlabeni phantsi,Igazi, nomlilo, nentshinyela yomsi.

20. Ilanga liya kusuka libe mnyama,Ithi inyanga ibe ligazi,Phambi kokuba ize imini yeNkosi,Leyo inkulu ibalulekileyo.

21. Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe.(UYow. 2:28-32)

22. Madoda, maSirayeli, waveni la mazwi: UYesu waseNazarete, indoda eqondakalisiweyo nguThixo kuni ngemisebenzi yamandla, nangezimanga, nangemiqondiso, awayenzayo uThixo ngayo phakathi kwenu, njengokuba nisazi nani ngokwenu:

23. yena lowo, ekhutshwe ngecebo elimisiweyo likaThixo nangokwazi kwakhe kwenxa engaphambili, namthabatha ngezandla zabachasene nomthetho, nambethelela emnqamlezweni, namsika;

24. athe uThixo wamvusa, eyikhulule inimba yokufa; ngokokuba ebengenako ukubanjwa kuko.

25. Kuba uDavide uthi, esingisele kuye,Ndahlala ndiyibona iNkosi phambi kwamehlo am,Ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa.

26. Ngenxa yoko intliziyo yam yaba nemihlali, lwagcoba ulwimi lwam;Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba;

27. Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo.Kananjalo akuyi kumnikela oyiNgcwele wakho ekuboneni ukubola.

28. Wandazisa iindlela zobomi;Ùya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho.(INdum. 16:8-11)

29. Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla.

30. Ngoko, kuba engumprofeti, esazi nokwazi ukuba uThixo wamfungela isifungo sokuba esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama uya kuvelisa uKristu,* ukuba ahlale phezu kwetrone yakhe:

31. uthe ebona ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 2