Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 15:1-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwehla abathile bevela kwelakwaYuda, babafundisa abazalwana, besithi, Ukuba anithanga nalùswe ngokwesiko likaMoses, aninako ukusindiswa.

2. Kuthe ngoko, kwakubon' ukuba uPawulos noBharnabhas baba nempikiswano nembuzwano engencinane nabo, kwagqitywa kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo.

3. Bathi ke ngoko, bephelekelelwe libandla, balityhutyha elaseFenike nelaseSamariya, bexela ukuguquka kwazo iintlanga; babanga uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana.

4. Befikile ke eYerusalem, bamkelwa libandla nangabapostile nangamadoda amakhulu; kananjalo babika ukuba zinkulu kwazo izinto awazenzayo uThixo enabo.

5. Kwasuka kwema ke abathile abakholiweyo behlelo labaFarisi, besithi, Bamelwe kukuba balùke, nokuthi bathethelwe ngelithi, mabawugcine umthetho kaMoses.

6. Bahlanganisana ke abapostile namadoda amakhulu, ukuba bayikhangele loo ndawo.

7. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi kakuhle nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngawo umlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo, zikholwe.

8. UThixo, umazi-ntliziyo, wazingqinela, ezinika uMoya oyiNgcwele kwanjengathi;

9. akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambulule iintliziyo zazo ngokholo.

10. Phofu ke nimlingelani na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni yabafundi, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwanoobawo bethu?

11. Ke ngalo ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, siyakholwa ukuba sosindiswa kwangohlobo ezisindiswa ngalo nazo.

12. Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzáyo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo.

13. Ke kaloku, emva kokuthi cwaka kwabo, waphendula uYakobi esithi, Madoda, bazalwana, ndiphulaphuleni.

14. USimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama.

15. Áyavumelana nako oko amazwi abaprofeti, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,

16. Emveni koku ndiya kubuya,Ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide,Amanxuwa awo ndibuye ndiwakhe kanjalo,Ndibuye ndiwumise;

17. Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi,Zifune zonke iintlanga ezibizwe ngalo igama lam;Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 15