Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 21:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndabona izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule, nolwandle alusekho.

2. Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uvela kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe.

3. Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi:Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu;Uya kuhlala nabo emnqubeni,Bona babe ngabantu bakhe,Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo;

4. Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo,Kungabi sabakho kufa,Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu;Ngokuba izinto zokuqala zigqithile.

5. Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Ùyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Athi kum, Bhala; ngokuba lawo ngamazwi ayinyaniso, athembekileyo.

6. Wathi kum, Kwenzekile; mna ndinguAlfa* no-Omega,* isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa.

7. Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.

8. Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.

9. Kwaza kweza kum esinye sezithunywa zezulu ezisixhenxe, ezineengqayi ezisixhenxe, ezizele zizibetho zosixhenxe zokugqibela, sathetha nam sisithi, Yiza apha, ndikubonise umtshakazi, umfazi wayo iMvana.

10. Sandísa ndikuMoya entabeni enkulu, ephakamileyo, sandibonisa umzi omkhulu, iYerusalem engcwele, usihla uphuma emazulwini, uvela kuThixo,

11. unobuqaqawuli bukaThixo; isikhanyiso sawo sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, langa lilitye leyaspisi* ebengezela njengekristale.*

12. Kananjalo unodonga olukhulu oluphakamileyo. Unamasango alishumi elinamabini, phezu kwamasango unezithunywa zezulu ezilishumi elinazibini; kubhalwe kuwo amagama angawezizwe ezilishumi elinazibini zoonyana bakaSirayeli;

13. ngasempumalanga ingamasango mathathu, ngasentla ingamasango mathathu, ngasezantsi ingamasango mathathu, ngasentshonalanga ingamasango mathathu.

14. Udonga lomzi lunamatye eziseko alishumi elinamabini, kuwo ingamagama abapostile* abalishumi elinababini bayo iMvana.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 21