21. Saza isithunywa esithile esinamandla safunqula ilitye, langa lilitye lokusila, ukuba likhulu kwalo; saliphosa elwandle, sisithi:Iya kwenjiwa nje ke ukugadlelwa kwayo iBhabheli, umzi omkhulu, ingabi saba safunyanwa.
22. Isandi sababethi beehadi, neseemvumi, nesabagwali, nesabavuthelimaxilongo, asisayi kuba saviwa kuwe;Neengcibi zonke zobungcibi bonke azisayi kuba safunyanwa kuwe;Nesandi selitye lokusila asisayi kuba saviwa kuwe;
23. Nokukhanya kwesibane akusayi kuba sakhanya kuwe;Nezwi lomyeni nelomtshakazi alisayi kuba saviwa kuwe;Ngokuba abarhwebi bakho bebengamanene omhlaba;Ngokuba zonke iintlanga zalahlekiswa kukukhafula kwakho.
24. Kuwo kwafunyanwa igazi labaprofeti, nelabangcwele,Nelabo bonke abasikiweyo emhlabeni.