Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 18:10-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo,Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhuluBhabheli, mzi unamandla!Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho.

11. Nabarhwebi bomhlaba baya kulila, benzé isijwili ngenxa yayo,Ngokuba ingasathengwa bani impahla yabo yomkhombe:

12. Impahla yegolide, neyesilivere, neyelitye elinqabileyo, neyeeperile,*Neyelinen ecikizekileyo, neyeengubo ezibomvu, neyesilika, neyeengubo ezimfusa,Nomthi wonke ongumsedare,*Nezitya zonke zeempondo zeendlovu,Nezitya zonke zomthi onqabileyo kakhulu,Nezobhedu, nezentsimbi, nezemarmore,*

13. Nesinamon,* neziqhumiso, namafutha aqholiweyo, nentlaka emhlophe,Newayini, neoli, nomgubo ocoliweyo, nengqolowa,Namaqegu, nezimvu, namahashe, neenqwelo,Nemizimba nemiphefumlo yabantu.

14. Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe,Nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe;Akusayi kuba sazifumana zona.

15. Abarhwebi bezo zinto, abo batyeba ngayo,Baya kuma kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo,

16. Belila, besenza isijwili, besithi,Yeha, yeha, mzi mkhuluOwawuthiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, nengubo ebomvu, nengubo emfusa,Uhonjiswe ngegolide, namatye anqabileyo, neeperile!Ngokuba buphanziswe ngalixa linye ubutyebi obungaka.

17. Bonke abaqhubi-mikhombe, nayo yonke indibandiba esezinqanaweni,Noomateloshe, nabo bonke abasebenza elwandle,

18. Bema kude, bamana bedanduluka, bakuwubona umsi wokutsha kwayo,Besithi, Nguwuphi na ofana nalo mzi mkhulu?

19. Bagalela uthuli entloko,Bamana bedanduluka, belila, besenza isijwili,Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu,Apho baba nobutyebi khona bonke aba baneenqanawa elwandle, ngeento ezinqabileyo zawo!Ngokuba ngalixa linye úphanzisiwe.

20. Wénzele imihlali, nina mazulu,Nani bapostile* bangcwele, nani baprofeti;Ngokuba uThixo eniphindezelele kuwo.

21. Saza isithunywa esithile esinamandla safunqula ilitye, langa lilitye lokusila, ukuba likhulu kwalo; saliphosa elwandle, sisithi:Iya kwenjiwa nje ke ukugadlelwa kwayo iBhabheli, umzi omkhulu, ingabi saba safunyanwa.

22. Isandi sababethi beehadi, neseemvumi, nesabagwali, nesabavuthelimaxilongo, asisayi kuba saviwa kuwe;Neengcibi zonke zobungcibi bonke azisayi kuba safunyanwa kuwe;Nesandi selitye lokusila asisayi kuba saviwa kuwe;

23. Nokukhanya kwesibane akusayi kuba sakhanya kuwe;Nezwi lomyeni nelomtshakazi alisayi kuba saviwa kuwe;Ngokuba abarhwebi bakho bebengamanene omhlaba;Ngokuba zonke iintlanga zalahlekiswa kukukhafula kwakho.

24. Kuwo kwafunyanwa igazi labaprofeti, nelabangcwele,Nelabo bonke abasikiweyo emhlabeni.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 18