Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 18:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndaza emva koko ndabona isithunywa sezulu sisihla, siphuma ezulwini, sinegunya elikhulu; umhlaba wakhanyiselwa bubuqaqawuli baso.

2. Sadanduluka ngamandla, ngezwi elikhulu, sisithi:Iwile, iwile iBhabheli enkulu,Yaba likhaya leedemon, nentolongo yoomoya bonke abangcolileyo,Nentolongo yeentaka zonke ezingcolileyo, ezithiyekileyo.

3. Ngokuba zonke iintlanga zisele kuyo iwayini yomsindo wobuhenyu bayo,Nookumkani bomhlaba bahenyuza nayo,Nabarhwebi bomhlaba baba zizityebi, ngamandla okuxhamla kwabo iziyolo zayo.

4. Ndeva elinye izwi liphuma emazulwini lisithi:Phumani kuyo, bantu bam,Ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo,Nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.

5. Ngokuba izono zayo ziye zafikelela emazulwini,Nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo.

6. Yibuyekezeni, njengoko nayo yanibuyekezayo,Niyiphinde impinda ngokwemisebenzi yayo;Indebe eyaniphithikezela yona, yiphithikezeleni impinda nani.

7. Yinikeni intuthumbo nesijwili, ngangoko yazizukisayo, yaxhamla iziyolo.Ngokuba ithi entliziyweni yayo, Ndihleli ndingukumkanikazi,Andimhlolokazi, andisayi kubona sijwili.

8. Ngenxa yoko ziya kufika ngamininye izibetho zayo,Ukufa, nesijwili, nendlala.Iya kutsha ngumlilo,Ngokuba ligorha iNkosi uThixo, lowo uyigwebayo.

9. Ookumkani bomhlaba, abo bahenyuza nayo, baxhamla iziyolo nayo, baya kuyililela,Bayimbambazelele, bakuwubona umsi wokutsha kwayo;

10. Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo,Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhuluBhabheli, mzi unamandla!Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho.

11. Nabarhwebi bomhlaba baya kulila, benzé isijwili ngenxa yayo,Ngokuba ingasathengwa bani impahla yabo yomkhombe:

12. Impahla yegolide, neyesilivere, neyelitye elinqabileyo, neyeeperile,*Neyelinen ecikizekileyo, neyeengubo ezibomvu, neyesilika, neyeengubo ezimfusa,Nomthi wonke ongumsedare,*Nezitya zonke zeempondo zeendlovu,Nezitya zonke zomthi onqabileyo kakhulu,Nezobhedu, nezentsimbi, nezemarmore,*

13. Nesinamon,* neziqhumiso, namafutha aqholiweyo, nentlaka emhlophe,Newayini, neoli, nomgubo ocoliweyo, nengqolowa,Namaqegu, nezimvu, namahashe, neenqwelo,Nemizimba nemiphefumlo yabantu.

14. Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe,Nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe;Akusayi kuba sazifumana zona.

15. Abarhwebi bezo zinto, abo batyeba ngayo,Baya kuma kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo,

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 18