Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 12:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ndazi umntu okuKristu, ekusekuyiminyaka elishumi elinaminé (nokuba ubesemzimbeni na andazi, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo), ethe lowo waxwilwa, wada wasiwa nakwelesithathu izulu.

3. Ndiyamazi ke umntu onjalo (nokuba ubesemzimbeni na, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo),

4. okokuba waxwilwa wasiwa eParadisi,* weva amazwi angenakuthethwa, ekungavumelekileyo ukuba umntu awathethe.

5. Onjalo ke ndiya kuqhayisa ngaye, kodwa andiyi kuqhayisa ngokwam nganto ikum; ingaba kungokuswela kwam amandla kodwa.

6. Kuba xa bendingáthi ndithande ukuqhayisa, bendingayi kuba ndiswele ukuqonda, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso; kodwa ndiyayeka, ukuze kungabikho bani ucinga ngam ngaphezu koko abona ndikuko, athi mhlawumbi akuve kum.

7. Kwathi, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu ngenxa yezityhilelo eziyincamisa, ndanikwa uviko enyameni, isithunywa sikaSathana, ukuze sindintlithe, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 12