Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 12:2-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ndazi umntu okuKristu, ekusekuyiminyaka elishumi elinaminé (nokuba ubesemzimbeni na andazi, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo), ethe lowo waxwilwa, wada wasiwa nakwelesithathu izulu.

3. Ndiyamazi ke umntu onjalo (nokuba ubesemzimbeni na, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo),

4. okokuba waxwilwa wasiwa eParadisi,* weva amazwi angenakuthethwa, ekungavumelekileyo ukuba umntu awathethe.

5. Onjalo ke ndiya kuqhayisa ngaye, kodwa andiyi kuqhayisa ngokwam nganto ikum; ingaba kungokuswela kwam amandla kodwa.

6. Kuba xa bendingáthi ndithande ukuqhayisa, bendingayi kuba ndiswele ukuqonda, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso; kodwa ndiyayeka, ukuze kungabikho bani ucinga ngam ngaphezu koko abona ndikuko, athi mhlawumbi akuve kum.

7. Kwathi, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu ngenxa yezityhilelo eziyincamisa, ndanikwa uviko enyameni, isithunywa sikaSathana, ukuze sindintlithe, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu.

8. Ndayibongoza kathathu iNkosi ngaso isithunywa eso, ukuba sisuke kum.

9. Ithe yona kum, Ubabalo lwam lukwanele; kuba amandla am azalisekiswa ekuswelekeni kwamandla.Ngoko kokukhona sendiya kuqhayisa kamnandi kakhulu ngokuswela kwam amandla, ukuze ahlale phezu kwam amandla kaKristu.

10. Kungoko ndikholisiweyo kukuswela amandla, kukuphathwa kakubi, ziingxakeko, ziintshutshiso, ziingxinano, ngenxa kaKristu; kuba xa sukuba ndiswele amandla, kuxa ndinamandla.

11. Sendisuke ndaba ngoswele ukuqonda ngokuqhayisa; ndinyanzelwe nini. Kuba mna ndibe ndifanele ukuyalezwa nini; kuba andisilelanga nganto kubapostile* abo baziincamisa, nakuba ndingento yanto.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 12