Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 10:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Onjalo ke makacinge le nto: njengoko sinjalo ngako ukuthetha ngeencwadi, sakuba singekho, sikwanjalo ngawo umsebenzi, sakuba sikho.

12. Kuba asinabuganga bakuzibalela nakuzifanisa nabo abathile abaziyalezayo; bona àbanangqondo, bezilinganisela nje kwakubo ngokwabo, bezifanisa nje nabo ngokwabo.

13. Ke thina asisayi kuqhayisa sigqithise emlinganiselweni; soqhayisa ngokomlinganiselo womda esiwabelwe nguThixo, ukuba ube ngumlinganiselo oya kufikelela nakuni.

14. Kuba asizoluli ngokugqithiseleyo, ngathi asifikeleli kuni; kuba sesafikelelayo nakuni sineendaba ezilungileyo zikaKristu.

15. Asiqhayisi sigqithise emlinganiselweni ngokubulaleka kwabanye; ke sinethemba, ukuba lwakukhula ukholo lwenu, siya kwenziwa bakhulu phakathi kwenu ngokomda wethu, sigqithisele,

16. side sizishumayele iindaba ezilungileyo ezindaweni ezingaphaya kwenu; singaqhayisi ngesilinganiselo somnye, ngezinto ke esezilungisiwe.

17. Oqhayisayo ke, makaqhayise ngeNkosi.

18. Kuba oyena ucikidekileyo asingoziyalezayo, ngoyalezwa yiNkosi.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 10