20. kuba ngangoko angako amadinga kaThixo, uewe ukuye, noamen ukuye, ukuze kuzukiswe uThixo ngathi.
21. Osiqiniselayo ke ndawonye nani kuKristu, osithambisayo ke, nguThixo;
22. ositywine wasiqinisa, wasinika isinyaniso soMoya, saba sezintliziyweni zethu.
23. Mna ke ndibiza uThixo, ukuba abe lingqina emphefumlweni wam, ukuba kungokunivela, endithe ndaba andikezi eKorinte.
24. Anditsho ngakulugagamela ukholo lwenu; nditsho ngokuba singabasebenza nani uvuyo lwenu; kuba nimi ngokholo.