Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 5:4-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ke nina, bazalwana, ànisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela.

5. Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama.

6. Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu.

7. Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku.

8. Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso.

9. Ngokuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;

10. owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye.

11. Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nákhane, kwanjengokuba nisenjenjalo.

12. Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo,

13. nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo. Hlalani ninoxolo phakathi kwenu.

14. Siyanivuselela ke, bazalwana, balulekeni abanxaxhayo; bakhuzeni abamxhelo mncinane; basekeleni abathambileyo; yibani nokuzeka kade umsindo kubantu bonke.

15. Lumkani, kungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi nakubani; hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye, nakubantu bonke.

16. Hlalani nivuya.

17. Thandazani ningayeki.

18. Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.

19. UMoya musani ukumcima.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 5